Back to results
Cover image for book IiDanaso, IiDayimani neDemokhrasi

IiDanaso, IiDayimani neDemokhrasi

By:Francis Wilson
Publisher:Penguin Random House South Africa
Print ISBN:9781415200872
eText ISBN:9781415209523
Edition:1
Copyright:2017
Format:Reflowable

eBook Features

Instant Access

Purchase and read your book immediately

Read Offline

Access your eTextbook anytime and anywhere

Study Tools

Built-in study tools like highlights and more

Read Aloud

Listen and follow along as Bookshelf reads to you

Iasteroid ebukhulu bulingana neNtaba yeTafi le yawela kwindawo ekunamhlanje nje ebizwa ngokuba nguMzantsi Afrika kwiminyaka eziibhiliyoni ezimbini eyadlulayo, yaza ngoko ke yaphawula le ndawo. Ukusuka ngoko imbali yeli lizwe yomelela kwaye yanobungangamsha obungaphaya. Le incwadi ikusa ngqo kuloo mzuzu, kanye ekuqalekeni kwezo ngqaqa zegolide, ukuza kuthi ga ekuqalekeni kwedemokrasi, into apha eyamangalisa ihlabathi jikelele.

Xa uphendla le ncwadi uza kuhlangana nezinye zeedayinaso zakudaladala ezarekhodishwayo, uza kuhlangana nabantu bokuqala ngqa kwiplanethi iphela, kwakunye neenkcubeko zokuqala ngqa apha ehlabathini. Uza kubona abangeneleli bengena kweli lizwekazi kwakunye nefuthe labo ekuguqukeni kwembali yeli: abazingeli nabaqokeleli, abalimi nabafuyi, abasebenzi besinyithi abasuka emantla, kwakunye neembacu nabafudukeli abasuka eYurophu naseAsia. Bonke aba bantu babesilwa kodwa balumilisela noxolo, bahlangana nedayimane kunye negolide bengalindele, baqaqamba ekwenzeni izinto-yinto baza batshona dzwabha phantsi kwengcinezelo, de ngenye imini bafola bebonke ngokulinganayo ukuze benyule urhulumente oza kubafaka kule nkulungwane yeminyaka yamashumi amabini ananye njengesizwe sedemokrasi.

Eli libali eliqaqanjiswe ziidayinaso, iidayimane kunye nedemokrasi.

• 2026 © SAU Tech Bookstore. All Rights Reserved.